Searching for my brother, Mgoduswa Mqhakama

Dear Khumbulekhaya,
Igama lam ndingu Joseph Mqhakama owaziwa ngegama uJay. Ndifunisa ngobhuti wam omdala igama lakhe nguMgoduswa Nyakanyaka Mqhakama. Ubhuti wazalelwa eBizana kwilali uNdengane kwaKhanyayo ngo 1953. Ukumgqibela kwam kwakungunyaka ka 1983 eDurban apho wayesebenza khona kwi company eyayibizwa iDurban night security company. Wavuka ngantsasa ithile eya emsebenzini njengesiqhelo. Ngalomini kwakufanele sidibane xa ephuma empangelweni eWemmer bus station kodwa akazange afike. Ukusukela ngoko zange siphinde simbone kude kube namhlanje. Xa enyamalala wayenabantwana abashiye ekhaya omnye wabo igama lakhe nguVuyani Mqhakama nongasekhoyo. Ndiyacela kukhumbulekhaya nakubahlali basemzansi ukuba bandincede ndifumane umkhuluwa wam uMgoduswa Nyakanyaka Mqhakama. umama nodadewethu bayamdinga ekhaya.

Enkosi,
Jay Mqhakama

Leave a Reply