NALAPHO UKHOYO SISENAWE NGOKO MOYA

TO: Khumbul’ekhaya
Dear Mama
Igama lam ndingu Lulama Mpahlaza ndingumfana okhulela kumhlaba wase Bhayi Kwazakhele. Sele iyiminyaka umama ondizalayo singamazi ukuba wayokutshona kuphi na unanamhla. Igama lakhe nguPhumla Mpahlaza ekwaziwa nangelika Simhamha. UPhumla walahleka ngomnyaka ka 1998-08-1998.Nantsi incwadi endiyibhalela yena:
Mhla wahambayo awabuya ngomhla we 08-12-1998 wawungumntu owawugqibo kwenza enye yamantombazona alapha ekuhlaleni inwele zayo ukulungiselela lomhla umkhulu weKrisimasi njengoko buhlal’usenza ngaloo mihla.Igama lentombazana leyo yayingu Nowethu nebabenexeshana nosapho lwakhe ukufika kwingingqi yethu. Lentombazana newathi emveni uyigqibile ukuyenza intloko yayo yaba nengxakana yemali yaze yakuyalela ukuba phambi kokuba lirhatyele zuke uye kokwayo nalapho kobe kufike umama wakhe nowayesedolophini ngeloxesha.Wahamba njengokoko wawuyalelwe yilontokazana wangena kolosapho waphuma awabuyel’ ekhaya wahamba ndlela zimbi.Andisazi isizathu nokuba wawuzixelele ukuba uzokubuya okanye wangenwe ngumoyamni kanti nalapho wayatshona khona.Sabhenela ngokunjalo uyokufumana incazelo ephangeleleyo kwelokhaya wawuhambele kulo kodwa impendulo yalo akuzange isincede nganto kuba basuka bathi bakunika iimfanelo zakho babe bohlukene nawe mhla wawuziphumela kwelokhaya.Ingaba wayifumana na okukuqala lemali nyanisweni? Ingaba yiyo na eyakwenza waphuma ndlela zimbi? yhini wawungabuyeli kuthi usazise ukuba kwehleni emveni kwangoko? Le yimibuzo endimane ndizetyisa yona, imibuzo imini nobusuku kwaye engenampendulo, phofu nengenakuphendulwa nangubanina ngaphandle kwakho. Yindlela ke leyo awahamba ngayo.
Ingxaki zekhaya lethu wena nabantakwenu beniziquma nifihla namadlakadlaka alo ninika thina ithemba lokuba ngenye imini kusaya kulunga kwaye ngokumthemba uThixo. Amaxesha amanzi ubuphuma ngaphandle njengoko benisenza njalo elowo phakathi kwenu niyozama nto yokuba silale sityile kwaye kwakunga sinamntu uphangelayo kolusapho ndlela le nanisazi ukuba kufuneka silale sityile singabantwana benu. Andiyazi ukuba wayotshona kweyiphi na indawo nokuba usaphila na nokuba uphina kwaye usenzani. Baninzi abawashiyayo amawabo kodwa baphinde babuye kodwa wena awukaveli nakweliphi na icala kwaye lonto iyayihlupha intliziyo yam njengoko zakufika iingcinga zokukhumbula wena ndivele ndingakwazi ukuzibamba ziinyembezi kunga ndiyakubona, kunga ndingahlangana neNkosi yam endiyikhonzayo uQamata ngenqu indikhangelise wena. Inene yiNkosi eyaziyo kuba sizame ngako konke esinokwenza ukufunana nawe kodwa sitsho phantsi singafumani malizo namacebo. Noxa ukuhlala sifuna nezinye iindlela zokufuna wena ziye zidale iingxwabangxwaba kwelikhaya.
Inene ukumnka kwakho andizange ndiqonde ungavela unyamalale ngalendlela kuba wawunga uzakubuya kwamsinya kodwa akwabinjalo. Bathi bonke ulahlekile kodwa mna ndithi usasithele kwaye uzakubuya uvele kwiimpilo zethu kwamsinya, kaloku nam ndisengulaa nyana wakho kwaye noLisa useyilantombi yakho ibala lifana twatse nelakho.Ndikhumbula ixesha lethu sobabini xa kwakumane ndikupheleka ngemihla yakho yokuya kuvavanyano kwiklinikhi yalapho Kwazakhele newawuhambela khona ukungaphila kwakho ngenxa yesifo sephepha.Nam ndisazama kwaye umakhulu wethu usikhulisile sade sangamadoda kwelakhaya kanti nakanjalo naye umalume uMlu waye walishiya eli elandelwa nguSpakes. Uyayazi ke indlela esibaninzi ngayo kwelakhaya njengabazukulwana kodwa umakhulu usithwele kwezoonxwaleko nenzingo ezamela thina ukuze sibenobomi obungcono. Ndiyazi ubudlelwane phakathi kwenu naye bebungekho buhle kwaphela kodwa loompilo nathi sasiyithandazela ukuze kubekho utshintsho ngalomeko noxa yavela yasichaphazela nathi.
Andinabuchule besona sizathu esakumnkisayo kodwa mandikwazise ezindaba zimnandi.Nam ndaliphumelela ibanga leshumi kwesinye sezikolo zase Zwide nalapho ndafumana inxaso emandla kubantu abaninzi abafana nabefundisi baseTiyopiya kwinkonzo yethu, noomama balapho, nalapho ndingakhankanya umama uSaul nothathe olona xanduva kwimpilo yondakha nokundomeleza endinika ithemba lempumelelo kubomi bam.Nguye lowo bendingavuya ndikudibanise naye njengomama uThixo wandishiyela yena emveni kokungabikho kwakho kwelithuba kwimpilo yam, kwaye umthanda kakhulu ke naye uLisa. Bendingathini ngaphandle koloosapho lwabo lukude kufuphi nathi kwisixeko sase Port Alfred kulootamkhulu uTola. Izinto andenzele zona bendinga ungakho umbulele ngokwakho kuba akandihlawulisanga nanye into. Ndibeyindoda ndenziwe lolosapho namandla ethemba obomi endawafumanayo kongasekhoyo umfundisi uMame naye owambizela kuye uThixo ingekazaliseki iminqweno yakhe ngam nendikumzamo yoyifezekisa.
Umakhulu yena usifundise yonke into ngakumbi indlela yokuziphatha, ukupheka, intlonipho, kanti nokusithundeza kwimfundo kunye nokukhonza.Inene nokuba unina ofana nawe angayintoni na kodwa kuthi wena ubungumama wethu hayinje ukuba ngumama kodwa ukuba ngudade wethu phakathi kwam no Lisa. Kaloku ukukhulela kwikhaya apho uzalwe ngabantu ababini abangakhange bazimanye ngomtshato luye usana olo lufaniswe njengenzalelwano yakulo nina, nakuthi ke kubenjalo njengoko wena kunye nabantakwenu besinibiza ngamagama aze umakhulu abe ngumama kuthi. Potia siyakukhumbula ekhaya ewe indawo yomntu ngamnye kusapho lwakhe iyabonakala kuba umntu ngamnye kusapho udlala indima yakhe. Ndikhule bendikhumbuza bambi bendibalisela amabali bencoma iimbasa wawuziphumelela kwicala lonoobuhle kwesosixeko saKwazakhele. Lento indenze kwanga ndingayibona lomifanekiso yobuhle bakho njengoko ngelishwa singenazo ifoto zakho eziliqela, sinaleyo nayo sayiphiwayo ngelinye lamakhaya wawunesihlobo khona. Indivise mnandi lonto njengoko wawusaziwa njenge ntombi eyayizithanda kakhulu neyayinobuchule ngakumbi kwicala lokwakha inwele zantu besifazane.ULisa ke naye ulandele ikhono lezandla kwaye ukhule ukumabanga aphezulu ngethemba lokuba naye uzakukwenza njengoko nam ndezile ukuza nempumelelo kwimpilo yakhe kunye nakumakhulu wethu.
Ndiyifumene inxaso enkonzweni khonukuze ndifumane imfundo ephangeleleyo njengoko ndithetha ndikwi Rhawuti lodumo nalapho ndizamana nempilo engcono. Apha ke enye yento endinomnqweno ngazo ngeyokuba mhlawumbi ndingakubona njengoko lona lizele abantu ngabantu abavela kuzo zonke iindawo. Andazi kuba eyonanto ibuhlungu ngeyokuba ewe impilo yam ihamba kakuhle kodwa inxebe lokumnka kwakho kubomi bam limane livuka kumnandi kukubi kunjalo kunga ungabuye uze ubabone abantwana bakho owabazisayo kwelihlabathi bekhulile. Mna andikhathalele nokuba ungabuya ukweyiphi na imeko kodwa khawuleza wazi ukuba usenabantwana owabashiyayo kweli laseBhayi kwaye siyakukhumbula. Kunga ke apho ukhoyo iNkosi ingakuphatha ngetaru iyithambise intiziyo yakho ingabinalo uloyiko lokusifuna okanye ukukubuyela kuthi nakwikowenu kuba sisakuthanda kwaye sikulinde ngothakazelelo olukhulu.Nkosi samnkele isicelo sam!

Leave a Reply