iUncedo Ngofuniso koTata Wam Owalahlekayo

Dear Andile.

Ndiyathemba uyaphila igama lam ndinguSandiso Vanda.Ndiliwele likaSongezo Vanda ndihlala eNgqamakwe eMpatheni ilali eEastern Cape.

Ndibhalela ikhumbula ekhaya ngoba ndicela uncendo ngofuniswa umntu .Ndalahlekelwa ngutata wam igama lakhe ngu Xolile Nicholas Vanda.Wemka ngo1990 asimazi wayotshona kuphi.

Utata wahamba esiya emsebenzini ekuseni azange aphinde abuye .Wayehlala eKhayelitsha esite B .Sasizama inzame zokumfumana kodwa azange afumaneke.Siyacela nabani na onolwazi ngaye asincede siyamdinga kakhulu.Xa engafumaneki nantsi idilesi yasekhaya.

Tsomo Mtyamde ilali
Nantsi inombolo yomnxeba kabhuti wakhe
Makhaya Vanda 0834958236
Okanye eyam 0794286212 or 0737216603

Ozithobileyo
Sandiso Vanda

Leave a Reply