Ingxaki Zobomi

Dear Khumbulekhaya
Igama lam ngu Andile Tisani, ikhaya likuQoboqobo kwilali yase Matolweni e Rabula apho ndikhule khona.
Ekhaya ndimke ngo 2010 emva kokungevisisani nomama omncinci nongunkosikazi katata engenguye umama ondizalayo. Ingxabano yavela emva kokusweleka kukatata sele kunenyanga engasekho. Waphela endigxotha ezibeka izizathu zoko,endigxotha kwindlu katatomkhulu nonguyise ozala utata apho ndikhulele khona.
Ndazama ukudibanisa ifamily ngalomba kwacaca ukuba ifamily iyohluleka ukumelana naye nanjengokuba engumntu othetha ngqwabalala nongabazeli ntweni abantu bomzi wakhe,nongahloniphiyo.
Ndaye ke ndacela abakwa Relate on SABC 1 ukuzama ukuxozulula lengxaki. Nalapho ekwaphela ebonakala ukuba ungumntu onjani onjongo yiphi ngokwendlela awawamkela ngawo lomba ndandiza nawo.
Ezazizezam injongo kukuba kuvele elubala izizathu zokugxothwa kwam nezona zizathu zokungevisisani ze kuthi apho ndiphambuke ndaphazama khona ndicetyiswe ndilungiswe ndixolise kubekho uxolo. Yonke ke lo mizamo yam zange ayamkele ndancama ndakhalala ndemka ndinalo nzondo ,inqala nekratshi ndeza eKapa.
Ndizamile ke ekapa ukufika kwam ngo July 2010 ukufuna umsebenzi ndiwufumana uvele uphele ngendlela engacaciyo,ndihlangabezana neengozi izinto zingandihambeli kakuhle. Nalapho endiye ndadibana nomntu oye wandicebisa kwelokuba khe ndinxulumane namawethu angasekhoyo ukuze izinto zibenokubangcono. Ngoba eyona nto ayibonayo apha kum ndingumntu wabaphantsi nosokoliswa yintsimbi emhlophe. Kungenzeka nemisebenzi ingahlali nje ingaseso sizathu.
Ingxaki ngoku ezindaba zivela emva kokuphulukana nomsebenzi ebendikuwo nalapho endizibone ndilimala nge28 June ndivela emsebenzini. Ndabe ndiqhawka imisipha yesandla ndiphangwa,ekuthe xa ndibuyela ngokwemvume kagqirha. Ndafika sele iboss ingathethi lonto sele isithi ndibuyise iuniform. Ekungoku nje lomba uphethwe ngabakwaCCMA. Into endihluphayo kukubona umntwana wam esokola ngendlela endisokole ngayo kwaye engazi ukuba liphi ikwabo nanjengokuba kufuneka elazile ikhaya lakhe.
Ndicela uKhumbulekhaya andincede kulemeko isimo endikuso ngoku ndijamelene nentswela ngqesho andikwazi kubhatalela umntana wam one 3 yeminyaka eskolweni. Ngaphezu kokuba ndijongene nolunye usana olungavela ingaphelenga le imiyo inyanga.
Mhlawmbi kungavuleka ingcango xa ndinokuya kuzibika kokhokho ngoba akekho umntu omele kukuphila yedwa nongenayo ifamily. Ngoba endikwenzayo ndenzela ingomso labantwana bam bakhule belazi ikhaya labo nokuba kungehla ntoni kum.

One response to “Ingxaki Zobomi

Leave a Reply