Ndicela nindifunise unyana wam

4904 Shayamoya
Kokstad, 4700

Molweni kwa Khumbul’ekhaya
Ndingumama uBeauty onguMamiya wakwaGogela. Ndicela nindifunise unyana wam ogama linguThandixolo elesiteketiso ngu Yoyo. Isiduko sakhe ngowakwaThuse, ifani yakhe ithi Longfoot. Wemka ekhaya ngo 1990 kuthiwa wathi usaya ePort Shepstone emaNdiyeni awaye wakhe wasebenza kuwo. Umntu owayehamba naye ukuya apho wabuya yena. Kuthiwa lomaNdiya ayebathengisisa ifruit. Wayehamba no-kanina wakhe uBonginkosi Mqhathu. Iminyaka yakhe wazalwa ngo10 January 1975. Ndiyamkhumbula kakhulu sonke apha ekhaya siyamkhumbula kangangoba uthi umfowabo ogamalingu Mxolisi inene ngahle uYoyo wafa. Bonke abasathembi nto, no Velile umfo wabo omncane uyamkhumbula kakhulu. Ndingamdlula nasendleleni. Ifoto yakhe andinayo ngoku ngeke ndimkhombe kodwa uzalwa ndim. Makabuye uThandixolo, xa esathanda ukuhlala apho kulungile, kodwa makazo vela ekhaya simazi ukuba usaphila angoyiki andingekhe ndimbuze kwanto kodwa ndakonwatyiswa kukumbona qha.
Ancede xa ebuya angayi kwaGogela apho sasihlala khona sihlala apha eKokstad eShayamoya ngoku.Xa efika apha eKokstad akhwele itaxi eziya eShayamoya athethe nodriver ehlike ecreche. Xa efika ecreche athathe indlela isandla sasekhohlo angene kwesosistrato aqonde phambili. Xa efika apho siphela khona uzobona indlela encinci yehla ngoleft kwiline yesibini kulapho ke ekhaya. Abuze nakubani na ambonayo athi ucela kwa 4904 kulo Esethu kwaMamiya ongu Chaz’inyani. Ndiyacinga ke angeke alahleke. Buya sana lwam ndisaphila.
Ndicela nindincedise kakhulu kwaKhumbul’ ekhaya. Akwaba kungayintlahla ubuye bo, singavuya ungoyiki noba awunamali sifuna wena noba awunanto. Ungoyiki noba unabantwana yiza nabo sibabone. Buya siyakuthanda sonke. Oh ndikwethembile Khumbul’ekhaya uzawundinceda ngokundifunisa umntwana wam.
Enkosi, obhalile ndim umama wakho,
Beauty S Nozanith Miya

Leave a Reply